Logo
Taal van webblad · Website language · Ulwimi lwewebhusayithi
ISIGAMA SEZIKO LEELWIMI

Iwebhusayithi yeSigama

Wamkelekile kwiwebhusayithi yesigama esilwimi-ntathu seZiko leeLwimi!

Ungasebenzisa le sayithi ukukhangela amagama kwakunye neenkcazelo ngesiNgesi, ngesiXhosa, nangesiAfrikaans.

Uya kufumana izigama zezi zifundo zilandelayo: eseSosiyoloji, esobuNtlalontle, eseSayikholoji, esoMthetho, esobuNzululwazi kwezoQoqosho noLawulo, neSigama sezeNkolo nesobuNjineli. Kwakhona uya kufumana izigama: eseSoka, eseQakamba nesoMbhoxo.

Nantsi indlela esisebenza ngayo …

Khetha isifundo uze utayiphe nje igama olikhangelayo kwibha yokukhangela emva koko ucofe kwiayikhoni yokukhangela. Igama liya kuboniswa kunye nenkcazelo yalo kuzo zontathu iilwimi. Ukuba kukho inkcazelo yegama olikhangelayo engaphaya kwesinye, eyona nkcazelo yegama iqhelekileyo iya kuvela kuqala, ize ilandelwe zezo nkcazelo zingaqhelekanga kakhulu zelo gama linye.

Usenako ukusebenzisa isalathiso soonobumba abalandelelanayo xa ukhangela igama. Cofa igama emva koko igama kunye nenkcazelo yalo liya kuboniswa kuzo zontathu iilwimi.

Ukuba ungafuna ukugcina iziphumo zokhangelo lwakho zikufutshane nawe ungaziprinta okanye uzikhuphele kwikhompyutha yakho.

Yiba nelizwi lakho …

Ungasinceda siyiphucule le webhusayithi yesigama sethu ngokusinika ingxelo emalunga nale webhusayithi kwakunye nokhangelo lwakho oluthile.

Akwaba le sayithi ingazingqina njengesixhobo esiluncedo nesisebenziseka lula ngokupheleleyo!

ISALATHISO ESILANDELELANAYO
IsiNgesi  •  IsiAfrikaans  •  IsiXhosa
4-2-4  (eseSoka)
4-3-3  (eseSoka)
4-4-2  (eseSoka)
abacus  (iMathematika esetyenziswayo)
abatement  (uCwangciso-mali)
aberration  (Ifizikisi yezobuNjineli)
ability  (uLawulo lwaBasebenzi)
ability test  (eseSosiyoloji)
ab initio  (uMthetho weeNtsapho)
ablation  (Isayikholoji yamalungu omzimba)
ablution  (IZifundo ngeMigaqo-Nkqubo kwezoVangelo)
abrogate  (uMthetho weeNtsapho)
abscissa  (iNkqubo yeSitatistika)
absolute convergence  (iMathematika esetyenziswayo)
absolute force  (uMthetho woLwaphulo-Mthetho)
absolute (money) price  (ezoQoqosho)
absolute poverty  (eseSosiyoloji)
absolute real economic growth  (ezoQoqosho)
absolute refractory period  (Isayikholoji yamalungu omzimba)
absolute scale  (Ikhemistri yezobuNjineli)
absolute threshold  (iSayikholoji yezeMisebenzi)
absolute value  (iMathematika esetyenziswayo)
absolve (absolution)  (IZifundo zesiCwangciso kwiNgqiqo-buThixo)
absorption spectrum  (Eyobugcisa bombane)
abstract concepts  (ukuCinga nolwimi)

      © Copyright 2012 Language Centre. ('tlTerm Online' Sign-in ») Webmaster »